The songs from the smaller tree are sung by the less free.
KwaThole, kwaNdlangisa, kwaMpundeshe, kwaGqagqane kulapho kuthiwa ‘umlambo awuwelwa uwelwa ziiNkonjane zona zinamaphiko’. Enyanisweni kulaphi kuvele khona inkonjane ethanda umthi omfutshane kuneminye kodwa onexabiso elingumangaliso – bambi bathi ukuwubiza ngumthi womyalelo okanye ngamafutshane – umya.
Kulombongo ulandelayo inkonjane yenkcubeko yakwaThole ithi iyaqala ukushiya into isemnandi:
‘Lent’ifun’umnt’oyaziyo
Ozoqala ngoyishuka-shuka
Aman’ukuyibuka
Umazi wayo uyiva ngevumba
Ndisus’endingakufuniyo
Kanjalo ndiyahluza
Ndiman’ukubalis’ibali
Ngethemba kuzolunga’
Culture the Poet – Ndiyaqala Ukuyitya Ndiyishiye
Le nkonjane itya umya ayiyodwanga. Luninzi ulutsha lwakowethu ulosebenzisa lomthi olujongelwa phantsi ngumthetho nabanye abantu bokuhlala. Kanti lomthi uyatyiwa nazintaka ezindala zakuthi nangona singazufane zicule ngawo zona seziqabukile. Le mbongi isikhumbuza umcimbi esawulibalayo wokuba lomthi uyaziwa ziingqanga zona ntaka zinkulu zihlathi nangona uzondwa nje ngamaxhalanga kuba ona adla into efileyo.
Le mbongi, egama layo lenene lidiza umzila wayo ehlabathini – nguNkcubeko iThole lakwaBam. Iphuma iqhwithiza kwilali yaseLujecweni, bayakwathi ukuyibiza nguMjex, ngaphaya komlambo weCorhana kude-kufuphi neGxulu neLibode. Ifundile kwaye izinzile njengomfundisi-ntsapho kweliya laseTranskei ngaxeshanye ingumbhali nomdlali weqonga ozakhela igama kulutsha lwaseMpuma-Koloni. Inene yakhumkhanyo kumcimbi wenkcubeko njengentaka ayababona abehla besenyuka besithi bazimvumi kodwa abazazi iingcambu zomthi abahleli kuwo.
Nanku lomthi wayo ithanda ukuhlala phantsi kwawo imana ukuchwetha izihlala iwuhlukuhla ikhangela ukuvela kwesiqhamo.
Bawubiza ngamagama ke nabangazange bawubona:
Ngumya kwabawuxabisileyo, yintsangu kwabawugxekayo.
Athi amaBhulu yidarha xa ewuphicelayo,
Nelogama alithatha kubaThwa abathandi bawo.
Akhe atyholwa namaNdiya ngobuchule bawo
Kanti kutshiwo amaTshayina kudala awubonayo
Batyhole noNuka-Nuka bathi uyafana nawo
Bephosisa phofu awunawo lamandla awo
Namhla udume izizwe nabelungu sebetyeba ngawo
Ubuqili busebuninzi kananjalo ngobuchiza bawo
Singenalo igunya lokugweba okwadalwa nguBawo.
Nindixolele ngodanduluka kaloku ndiyimbongi ndiyachukumiseka yinyaniso. Mandiyibeke apho ingca ndingekagabadeli. Kodwa ndivale ngelithi lengoma yenkonjane yakwaThole liculo labaninzi elikhuthaza ukuzithanda nokuzithemba kwaye sizixabise njengabasenzise beliyeza lomyalelo.
Zingakapheli nje intaka, nalamabali awakazuphela. Camagu!